この商品を友人に教える:
Mhla Latsh' Ibhayi Madoda Ndlakuse
遠隔倉庫からの取り寄せ
Mhla Latsh' Ibhayi
Madoda Ndlakuse
Isihloko sale ngqwebo sithi, 'Mhla Latsh' iBhayi' into ethetha ukuba kuza kwaziwana. Nangona kusaziwana kunjalo ke, ubukhulu becala amabali la ayacaca ukuba umbhali ziingontsi namasuka-ndihlale ahlangene nawo kulaa mimandla ikuMneno-Nciba kwatsho kwaqandusela la mabalana angcathu ancindi ivuzisa izinkcwe. Ubukhulu becala ngamabali la ayimvula-mehlo ukuba, 'okuze buponi kotshabalala, okuze ngamathontsi kozinza, ' njengoko oko uya kukufumanisa kwimixholo yamabalana afana no'INENE ULUNTU NGEZISULU'. Akhona amabali oya kuwafumanisa esityhilela izizeka-bani zoxinezelelo lwengqondo kubani, ngenxa yobugewu awathi wabhungca ngezikaSibi kubo, mabali awo afana no'ENDLELENI EBUYA E-ADDO'. Masingafinci ke bantakwethu, nqikani nizifincele. Kakade iqwela nesigananda sifincwa ngamakhwahla namagqala.
"Amabalana anonambitheko okomsindleko kumhambi, adiza ilihlo lokhozi kumbhali olirharha nonosiba olunyumbazayo. Ebalisa nje uyahlekisa kodwa uyafundisa. Mna ndithi qha, Zizi elimnyama neenkomo zalo zabalaza mzala womntu amathunzi anabile kukud' eBhayi, malitsh' iBhayi!" (ilizwi likaMzoli Mavimbela, umhleli nombhali weencwadi zesiXhosa waseSajonisi).
| メディア | 書籍 Paperback Book (ソフトカバーで背表紙を接着した本) |
| リリース済み | 2021年8月1日 |
| ISBN13 | 9781920700263 |
| 出版社 | Digital on Demand |
| ページ数 | 180 |
| 寸法 | 127 × 203 × 10 mm · 181 g |
| 言語 | Xhosa |